ISENZO SAKHO
Ulwamvila lwesenzo sakho lundishiye nesilonda esiqhanileyo nesinobuzaza. Isenzo sakho sindizalisele iingwembezi ndimana ukubuza intliziyo yam ukuba esam isono siphi?
Ndivuzwa ngobuhlungu uthabathe okwam ngaphandle kwesivumelwano kuba kutheni?
Ibhobhoza ububomvu intliziyo yam, ndizama kangangoko ukubopha le ntliziyo akupholi koko kuvuka ukubhodla isingqala usuku nosuku.
Isenzo sakho siguqule amehlo wam ndabona isilo kwindoda Makube yimpazamo kuba isagila esijongene nawe sichaphazela nabo abazandla zimhlophe.
Wena olulahlele kude uxolo nothando mandingosuleleki, mawahlambeke amehlo kum ndibone ubuhle kwabanye abazandla zizele uthando noxolo.
Valondini oluvalangci iingcango zothando luveze umbono wesilo njengendoda suka kum ukuze iphole le ntliziyo ebhobhoza ububomvu.
Bulelwa Mgobozi Sigcau
uBulelwa Mgobozi Sigcau uqale ukubhala ngo 1998, ebhalela izithethi ezibizwe kwiindibano ezahlukene. Ukusuka apho uqhubeke wabhalela abatshati imiyalezo kumacwecwe ahonjisiweyo. Uyewaqhubeka ezikhuthaza ufundo lweencwadin okubhalela abantwana, ungakumbi abakhubazekileyo bengakwazi ukuya ezikolweni, abandwendwele emakhaya. Lo nkqubo ikhulile de wancedisana nabantwana bonke nabaphilile kwimisebenzi yesikolo. Le nkqubo ibizwe ngeProgress Center. Ngo 2012 wangenela ukhuphiswano lwe Word Fest ka Arts and Culture eYugi olwaluqhutywa ngootata uMarhetha, tata uDukisa, nabanye. Waphumelela wakwiqela elikhethwayo ukuya kwiNational Arts Festival. Ngo 2013 waphumelela kukhuphiswano olwaluqhutywa nguArts and Culture eMargate olwaluqhutywa ngootata uMyeza, tata uMjacu, nabanye.
Ngo2015 wabakwiqela elikhethiweyo nguArts and Culture neqela lakhe awaliqala libizwa ngo Lwavela Ukhanyo. Ngo 2019 ebekwiqela elikhethiweyo ngu LIT-FEST kaArts and
Culture kukhuphiswano olwaluqhutywa eMatatiela, ilandele abaphumeleleyo bayotsho nase National Arts Festival. Ngo 2020 uyewafunda e-Yunivesithi, e-Rhodes, apho wendza iMastazi kubuGcisa bokubhala; walandela ngo 2021 wendz isicelo sokupapashelwa incwadi ngu Arts and Culture, igama lencwadi lithi Kwelo lizwe leentsomi inje? Zininzi nezinye incwadi ezibhalwe ngulombali.